Chris Hani Institute Of Science And Technology

15 November 2007

Somlomo, ndiphakamela ukuncoma umsebenzi omhle weSebe lezoQhagamshemlwano. Kwiintsuku nje ezingephi ukusuka ngoku kuza kube kuvulwa i-Chris Hani Institute of Science and Technology ngenxa yemisebenzi yeli sebe. I-Universal Services Agencies iye yasebenzisana noluntu lwase Kaladokhwe ukuze kusekwe eli ziko.

Yinto le eza kunceda kakhulu ukuze abantwana bethu kwakunye nabantu abadala bafunde ubugcisa bekhompyutha, nto leyo kule mihla eyimfuneko enkulu. Sinethenba lokuba lo msebenzi unje ngalo uya kunabela nakwezinye iidolophana, ngakumbi ezisemaphandleni, ukuze abantu bakowethu baxhamle ulwazi kwezobugcisa beekhompyutha kunye nezenzululwazi.

MT GONIWE
Chief Whip of the Majority Party

For more information:
021 403 3107