SA-Mali Timbuktu Manuscripts Project Commended
13 October 2005
Mgcinisihlalo, umbutho wesizwe i-ANC uyalixhasa kwaye ulikhuthaza iphulo likarhulumente okhokelwa ngumbutho wesizwe, ebambisene norhulumente waseMali, lokulondoloza imibhalo engaphaya kwewaka leminyaka ubudala. Le mibhalo ibonakalisa ngokumhlophe inkcubeko kunye nezifundo zemfundo ephakamileyo, ezifana nezibalo, izifundo ngeenkwenkwezi kunye nezinye.
Kwimpelaveki egqithileyo uMongameli uThabo Mbeki ebenesidlo sokuqokelela imali ngeenjongo zokukhusela eli lifa leAfrika. Siyababulela abantu kunye noosomashishini abathe benza igalelo kule ngxowa-mali.
Le mibhalo ikhankanywe apha ngentla ibonakalisa ukuba iAfrika inendima enkulu ethe yayidlala kuphuhliso lomntu ngokubanzi. IAfrika asiyondawo yabantu abangqondo-bugqwirha, njengoko abanye abantu abakule Ndlu yoWiso-mthetho befuna ukuba sikholelwe.
Umbutho wesizwe uhlaba ikhwelo kuma-Afrika ngokubanzi ukuba afake isandla kweli galelo. Yeyele ma-Afrika, ifuna ukwanyulwa! Ndiyabulela.
N D MBOMBO
ANC Member of Parliament