Statement by Beauty Dambuza on Housing
20 November 2008
Urhulumente osezintanjeni okhokhelwa ngumbutho wesizwe iAfrican National Congress ubambisene nemibutho yokuhlala, usebenzela ngalo lonke ilixa ukuba abantu bakuthi babenophahla phezu kwentloko zabo. Esi sesinye sezindululo mhla abantu beli bequlunqa umqulu wenkululeko {Freedom Charter} ngonyaka ka 1955.
Ukukhawulelana nesisindululo, urhulumente we Phondo lemPuma Koloni okhokhelwa ngumbutho we sizwe, I African National Congress uye wanikezelwa ngezindlu ezingamakhulu amahlanu {500 Houses} kubahlali bengingqi ekuthiwa yi Ado.
Abona Bantu abayakuxhamla kolu nikezelo ngezindlu, ngabantu abasebenza ezifama, abasebenza emakhitshini abantu abakhubazekileyo kunye nabantu abangaqeshwanga. Umbutho we sizwe I African National Congress uqinisekisa abantu bakuthi ukuba siyakuwuqinisa umqolo ekuziseni inkonzo zikarhulumente eluntwini, ezifana namanzi, ugutyulo ndle kunye nezindlu.
Ndiyabulela!
Beauty Dambuza
Whip of Housing PC
Tel: 021 403 2648